Nkululeko Mdudu - |||Bazali Bam

Nkululeko Mdudu - |||Bazali Bam

Bazali bam, Tata noMama; br Ndithi xa ndicinga ngani br Ndiphelelwe ngamazwi. br br Indlela enindikhulise ngayo br Nengqeqesho enindinike yona br Andisoze ndiyilibale. br br Ndinibulele kuqala xa nithe br Anadinwa kukundixhasa br Ndade ndakwi-19 yeminyaka. br br Ndinibulela ngemithandazo ebendiyazi br Ukuba nisoloko nindibeka kuyo br Xa bendingafumani msebenzi. br br Kudala ndicinga ukuba br Ndingathi ze nazi ukuba br Ndiyanithanda, kwaye ndiyanibulela. br br Le leta ndiyibhala br Ndibuhlungu kuba br Ebomini andikanenzeli nto. br br Tata noMama ndiyambulela br UThixo Ngokundinika br Abazali abanje ngani. br br Kukho abantwana abangakhulanga br Nje ngam, yaye ndisoloko ndimcela br UThixo anolulele imihla, nife ndiphangela. br br Ndike ndicinge ukushiya iKapa br Ndincedise nina endlini, ntonje br Abukho ubom ngaphandle komsebenzi. br br Nimxelele no-Bra Mol ukuba br Ndiyambulela yaye br Ndiyamkhumbula. Nihlale kakuhle. br br Tata, sonke usikhulisile; sobalithoba br Hlala phantsi ke ngoku Ngwanya br Uzonwabele iimali zakho. br br UThixo ukuphile ubom br Sukuba sazikhathaza br Ngomsebenzi ngoku. br br Onithandayo ngenene: br br T.


User: PoemHunter.com

Views: 2

Uploaded: 2014-11-08

Duration: 01:58