Nkululeko Mdudu - /! /**Icala lomcinga/! /

Nkululeko Mdudu - /! /**Icala lomcinga/! /

Ndincwela ubuciko bokucengeleza br Ndichwetha ubuchwepheshe buka Cirha no Cwerha br Becela amacebo okucamagusha br ndicinge ngecala lomcinga... br br Xa ndixoxa ndixanda ndixananaza br ndixel' ixhego lixhinela emnxebeni br ndinxunguphaliswa lixelegu lexhelel' eXhukwane br ndicinge ngecala lomcinga... br br Abanamadanda badomboza bedandathekile, br Bebhidwe ziindudumo zaseMdantsane, br Badend' udondolo, badayivel' edameni! br Ndicinge ngecala lomcinga... br br Ubucukubhede bobuciko abucacanga; br icebo lichasene nabacela ukucacelwa, br becaphula kambe kwidosha engenacwilika br ndicinge kanye ngecala lomcinga... br br Kwaqalela phi ukuqwetywa kwale nqaba, br ngamaqaba neengqondi zenkqubela? br Zaziqamba njani, zaze zaqeqesha bani; br ze siqaqambe siqhwithe siqonde emqulwini? br ndicinga ngecala lomcinga... br br IsiXhosa esixabisekileyo sinxunguphele br sixwebe okwamaxhwele kaxam br saxhwithwa ngamaxhalanga axhonti br Ndis'ke ndicinge ngecala lomcinga.


User: PoemHunter.com

Views: 16

Uploaded: 2014-11-08

Duration: 01:34